Uyohane 4:49-54 Ibhayibhile (XHO96)

49. Igosa lakomkhulu ke lathi kuye: “Nkosi, nceda uze engekabhubhi umntwana wam.”

50. UYesu wathi kulo: “Goduka; unyana wakho uphilile.”Indoda leyo yakholwa ngamazwi kaYesu, yahamba.

51. Kwathi isesendleleni yahlangatyezwa zizicaka zayo, zathi: “Unyana wakho uphilile!”

52. Yabuza ke ukuba uqale nini na ukuchacha, zaza zathi: “Uchache izolo ngentsimbi yokuqala emva kwemini kuloo mkhuhlane.”

53. Wakhumbula ke uyise ukuba kwakungêlo xesha kanye uYesu awatsho ngalo kuye ukuthi: “Unyana wakho uphilile.” Lakholwa ke igosa lakomkhulu, yakholwa nendlu yalo yonke.

54. Lo mqondiso wawenzayo uYesu wawungowesibini emva kokufika kwakhe eGalili evela kwelakwaJuda.

Uyohane 4