Uyohane 4:39-52 Ibhayibhile (XHO96)

39. Into eninzi yamaSamariya aloo dolophu yakholwa kuYesu, yakuva intetho yaloo mfazi ethi: “Undixelele zonke izinto endakha ndazenza.”

40. Athe ke amaSamariya akufika kuYesu, ambongoza ukuba ahlale nawo; waza wahlala khona apho iintsuku zambini.

41. Baba baninzi ngakumbi abo bâkholwáyo ngenxa yamazwi kaYesu,

42. baza bathi kumfazi lowo: “Asisakholwa ngenxa yokuthetha kwakho. Thina sikholwa kuba sizivele ngokwethu, saqonda ukuba ngenene lo nguye uMsindisi wehlabathi.”

43. Emva kweentsuku ezimbini uYesu wemka apho, waya eGalili.

44. UYesu ngokwakhe wayetshilo ukuthi *umshumayeli akenzelwa mbeko kowabo,

45. kodwa akufika eGalili abantu balapho bamamkela. Babezibonile zonke izinto awazenzáyo kwitheko *lePasika eJerusalem, kuba nabo babeyile kweso sidlo.

46. Waphinda uYesu wahambela eKana kwelaseGalili, apho wawaguqulayo amanzi aba yiwayini. Kwakukho igosa elithile lakomkhulu apho elaligulelwa ngunyana walo eKapernahum.

47. Lakuva ukuba uYesu ufikile eGalili, evela kwelakwaJuda, laya kuye, lambongoza okokuba ehle aye eKapernahum, aphilise unyana walo owayegulela ukufa.

48. UYesu wathi kulo: “Nina aningekhe nikholwe ukuba anithanga nabona imiqondiso nemimangaliso!”

49. Igosa lakomkhulu ke lathi kuye: “Nkosi, nceda uze engekabhubhi umntwana wam.”

50. UYesu wathi kulo: “Goduka; unyana wakho uphilile.”Indoda leyo yakholwa ngamazwi kaYesu, yahamba.

51. Kwathi isesendleleni yahlangatyezwa zizicaka zayo, zathi: “Unyana wakho uphilile!”

52. Yabuza ke ukuba uqale nini na ukuchacha, zaza zathi: “Uchache izolo ngentsimbi yokuqala emva kwemini kuloo mkhuhlane.”

Uyohane 4