14. Ke yena othe wawasela amanzi endiya kumpha wona mna, soze anxanwe naphakade. Amanzi endiya kumnika wona, aya kuba ngumthombo ompompoza kuye, emnika obona bomi bungenasiphelo.”
15. Umfazi wathi kuye: “Nkosi, nam ndiphe loo manzi ukuze ndingabi saphinda ndinxanwe, ndingezi nokuza kukha manzi apha.”
16. Wathi kuye: “Hamba uye kubiza indoda yakho, nize apha.”
17. Waphendula umfazi wathi: “Andinandoda.”UYesu wathi kuye: “Ùnyanisile ukuthi akunandoda,
18. kuba ubunamadoda amahlanu, nale unayo ngoku asiyoyakho.”
19. Umfazi lowo ke wathi kuye: “Nkosi, ndiyabona okokuba wena *ungumshumayeli.
20. Ookhokho bethu, thina maSamariya, babenqula uThixo kule ntaba. Ke nina maJuda nithi iseJerusalem indawo apho abantu bamelwe kukumnqula khona uThixo.”
21. UYesu wathi kuye: “Ndiyakuxelela, liyeza ixesha ekothi ngalo ningabi samnqula uBawo kule ntaba okanye eJerusalem.