Uyohane 4:14-21 Ibhayibhile (XHO96)

14. Ke yena othe wawasela amanzi endiya kumpha wona mna, soze anxanwe naphakade. Amanzi endiya kumnika wona, aya kuba ngumthombo ompompoza kuye, emnika obona bomi bungenasiphelo.”

15. Umfazi wathi kuye: “Nkosi, nam ndiphe loo manzi ukuze ndingabi saphinda ndinxanwe, ndingezi nokuza kukha manzi apha.”

16. Wathi kuye: “Hamba uye kubiza indoda yakho, nize apha.”

17. Waphendula umfazi wathi: “Andinandoda.”UYesu wathi kuye: “Ùnyanisile ukuthi akunandoda,

18. kuba ubunamadoda amahlanu, nale unayo ngoku asiyoyakho.”

19. Umfazi lowo ke wathi kuye: “Nkosi, ndiyabona okokuba wena *ungumshumayeli.

20. Ookhokho bethu, thina maSamariya, babenqula uThixo kule ntaba. Ke nina maJuda nithi iseJerusalem indawo apho abantu bamelwe kukumnqula khona uThixo.”

21. UYesu wathi kuye: “Ndiyakuxelela, liyeza ixesha ekothi ngalo ningabi samnqula uBawo kule ntaba okanye eJerusalem.

Uyohane 4