Uyohane 18:10-28 Ibhayibhile (XHO96)

10. Kuthe ke ngoko uSimon Petros enekrele walirhola, waxabela isicaka sombingeleli omkhulu, wasisusa indlebe yasekunene. Igama lesicaka eso lalinguMalko.

11. Wathi ke uYesu kuPetros: “Faka ikrele lakho esingxotyeni salo. Le ntlungu ndiyibekelwe nguBawo. Ndiya kuthini ke ukungayamkeli!”

12. Ke ngoko elo qela lamajoni, linomphathi walo, kwakunye nabagadi *bendlu kaThixo ababethunywe ngamaJuda, bambamba uYesu, bambopha izandla.

13. Kuqala bamsa kuAnas, kuba wayenguyise womka-Kayafa, owayengumbingeleli omkhulu ngaloo nyaka.

14. Ngulo Kayafa ke lo owacebisa amaJuda ngelithi kulungile ukuba umntu omnye afele abantu bonke.

15. UYesu walandelwa nguSimon Petros kwanomnye umfundi. Lo mfundi ke walandela uYesu wangena eyadini yomzi wombingeleli omkhulu, kuba wayeqhelene nomninimzi lowo.

16. UPetros yena wasala ngaphandle kwesango. Waphuma ke lo mfundi wayeqheliwe apho, wathi ethethe nesicakazana esigcina isango, wamngenisa uPetros.

17. Sathi ke kuPetros isicakazana eso: “Akunguye na umfundi walo mntu?”Wathi uPetros: “Hayi; andinguye.”

18. Kwakubanda; ke ngoko izicaka nabagadi *bendlu kaThixo babebase imbawula, beyingqongile, besotha. UPetros waya wema kunye nabo, wotha.

19. Umbingeleli omkhulu wabuza uYesu ngabafundi bakhe nangeemfundiso zakhe.

20. Waphendula uYesu wathi: “Ndithethe phandle ehlabathini. Bendihlala ndifundisa ezindlwini zesikhungo nasendlwini kaThixo apho kuhlangana khona onke amaJuda. Akukho nto ndiyithethe emfihlakalweni.

21. Usandibuza ntoni ke? Buza kwabo bantu bandivileyo. Bayazazi izinto endazithethayo.”

22. Akugqibanje ukutsho, omnye wabagadi bendlu kaThixo owayekufuphi naye, wambetha ngempama, esithi: “Yindlela yokuphendula umbingeleli omkhulu le?”

23. Wamphendula uYesu wathi: “Ukuba ndithethe ngendlela engeyiyo, cacisa ke. Kodwa ukuba ndithethe kakuhle, undibethela ntoni?”

24. UAnas ke wamthumela uYesu esabotshiwe kuKayafa umbingeleli omkhulu.

25. UPetros wayesemi apho esotha, bambuza abanye besithi: “Akunguye na umfundi walaa mntu?”Wakhanyela kodwa uPetros, esithi: “Hayi, andinguye.”

26. Isicaka esithile sombingeleli omkhulu, esizalana nalaa ndoda eyasuswa indlebe ngekrele nguPetros, sathi: “Akunguye na lo bendimbone egadini kunye naye laa mntu?”

27. Wakhanyela kwakhona uPetros. Kwangoko yakhala inkuku.

28. UYesu kwemkiwa naye kwakusasa kwaKayafa, wasiwa emzini werhuluneli. AmaJuda akangenanga khona wona, hleze ngokwesiko lawo azingcolise, angabi nalo ilungelo lokutya *iPasika.

Uyohane 18