1. Emva kwalo mthandazo uYesu wawelela ngaphesheya komlanjana iKedron, ehamba nabafundi bakhe. Kwakukho igadi kuloo ndawo; uYesu wangena kuyo kunye nabafundi bakhe.
2. UJudas, umngcatshi wakhe, naye wayeyazi loo ndawo, kuba uYesu nabafundi bakhe babedla ngokuhlangana kuyo.
3. Ke ngoko uJudas waya kuloo ndawo, ehamba neqela lamajoni nabagadi bendlu kaThixo, bephethe izibane, nezikhuni ezivuthayo, nezikhali, bethunywe ngababingeleli abaziintloko nabaFarasi.
4. UYesu ekwazi konke okwakuza kumhlela, wabakhawulela, wathi: “Nifuna bani?”
5. Baphendula bathi: “UYesu waseNazarete.”Wathi ke kubo: “Ndinguye.”UJudas umngcatshi wayemi kunye nabo.