4. Waza ke uYesu waphakama etafileni, wakhulula isambatho sakhe sangaphezulu, wabhinqa itawuli,
5. wagalela amanzi ekomini, wahlamba iinyawo zabafundi bakhe, ezisula ngetawuli awayeyibhinqile.
6. Akufika kuSimon Petros, yena wathi kuYesu: “Nkosi, uza kuhlamba nezam iinyawo?”
7. Waphendula uYesu wathi kuye: “Okwangoku akukayazi into endiyenzayo, kodwa uza kube uyiqonde.”
8. Wathi kuye uPetros: “Nokuba sekutheni, ngekhe zihlanjwe nguwe iinyawo zam.”UYesu wamphendula wathi: “Ukuba andithanga ndikuhlambe, awunabudlelane nam.”
9. Waza uSimon Petros wathi kuye: “Nkosi, xa kunjalo, sukundihlamba iinyawo zodwa, selundihlamba izandla nentloko.”
10. UYesu wathi kuye: “Oselehlambe umzimba, uswele kuphela okokuba ahlanjwe iinyawo, ukuze ahlambuluke wonke. Nani ke nihlambulukile, kodwa aninjalo nonke.”
11. UYesu wayeselemazi lowo uza kumngcatsha, kungoko watshoyo ukuthi abahlambulukanga bonke.
12. Akuba uYesu ezihlambile iinyawo zabo, ephinde wasinxiba isambatho sakhe sangaphezulu, waya kuhlala phantsi, wathi kubo: “Ngaba niyayiqonda na into endiyenzileyo?
13. Nindibiza ngokuthi: ‘Mfundisi,’ okanye: ‘Nkosi’. Niyakholisa ukutsho, kuba kunjalo.
14. Ke ngoko, ukuba mna endiyiNkosi noMfundisi wenu, ndithe ndahlamba iinyawo zenu, nani ke nimelwe kukuhlambana iinyawo.
15. Ndinenzele umzekelo, ukuze nani nenze njengoko mna ndinibonisileyo.
16. Ndithi kuni, inene, akukho sicaka singaphezu kwenkosi yaso, kungekho nothunyiweyo ongaphezulu kwalowo umthumileyo.
17. Nivile ke. Hayi uyolo lwenu xa nithe nawulandela lo mzekelo.
18. “Andibhekisi kuni nonke. Ndiyabazi abo ndibanyulileyo, kodwa imelwe kukuzaliseka le ndawo eziBhalweni ithi: ‘Lowo utyayo kunye nam undivukele.’
19. Ndinixelele kungekenzeki, ukuze kuthi, kwakuba kwenzekile, nikholwe okokuba ndinguye endinguye.
20. Inene, lowo umamkelayo endimthumileyo, wamkela mna; ke owamkela mna, wamkela lowo undithumileyo.”
21. Akuba uYesu etshilo, wakhathazeka kakhulu, waza wabaqononondisa esithi: “Ndithi kuni, inene, omnye kuni apha uza kundingcatsha.”
22. Baza bajongana abafundi bakhe, bengazi mpela okokuba ngubani na lowo athetha ngaye.
23. Ke omnye umfundi kaYesu, lowo wayethandwa nguye, wayehleli ecaleni kwakhe,