35. Ukuba niyathandana, bonke baya kuqonda okokuba ningabafundi bam.”
36. USimon Petros wabuza kuYesu wathi: “Uza kuya phi na, Nkosi?”Waphendula uYesu wathi: “Apho ndiya khona akukabi nakuya okwangoku, kodwa wobe ulandele.”
37. Wathi kuye uPetros: “Nkosi, kungani na ukuba ndingabi nakuya ngoku? Ndilindele nokufa ngenxa yakho!”
38. Wamphendula uYesu wathi: “Ngaba ukulindele ngenene ukufa ngenxa yam? Ndithi kuwe, inene, wobe sewundikhanyele kathathu ukukhala kwenkuku.”