Uyohane 12:44-47 Ibhayibhile (XHO96)

44. Watsho ngelivakalayo uYesu, wathi: “Lowo ukholwayo kum, akakholwa kum nje kodwa, koko ukholwa nakulowo undithumileyo.

45. Lowo undibonayo mna, ubona nalowo undithumileyo.

46. Mna ndilukhanyiso; ndize ehlabathini ukuze bonke abakholwayo kum bangahlali ebumnyameni.

47. Lowo uwevayo amazwi am, aze angawagcini, akagwetywa ndim. Andizanga kuligweba ihlabathi; ndize kulisindisa.

Uyohane 12