42. Noko ke into eninzi yeenkokheli zamaJuda yakholwa kuYesu, kodwa ngenxa *yabaFarasi aba bantu abazange bathethe ngaloo nto, hleze basikwe *endlwini yesikhungo.
43. Babexabise kakhulu ukunconywa ngabantu ngaphezu kokunconywa nguThixo.
44. Watsho ngelivakalayo uYesu, wathi: “Lowo ukholwayo kum, akakholwa kum nje kodwa, koko ukholwa nakulowo undithumileyo.
45. Lowo undibonayo mna, ubona nalowo undithumileyo.
46. Mna ndilukhanyiso; ndize ehlabathini ukuze bonke abakholwayo kum bangahlali ebumnyameni.
47. Lowo uwevayo amazwi am, aze angawagcini, akagwetywa ndim. Andizanga kuligweba ihlabathi; ndize kulisindisa.
48. Ukho omgwebayo lowo ungandifuniyo, ongawamkeliyo amazwi am. Ilizwi endilithethileyo lilo eliya kumgweba ngomhla wokugqibela.
49. Kaloku mna andithethanga nto ivela kum; nguBawo ngokwakhe, yena ondithumileyo, ondiyalele okokuba mandithini, ndithethe ntoni na.
50. Ndiyazi ke okokuba lo myalelo wakhe ububomi obungonaphakade. Ke ngoko into endiyithethayo kuphela yileyo uBawo andiyalele ukuba mandiyithethe.”