23. Wabaphendula uYesu wathi: “Lifikile ngoku ixesha lokuba ubungangamsha bakhe *uNyana woLuntu bubonakale.
24. Inene, ukuba ukhozo lwengqolowa aluthanga lufakwe emhlabeni lufe, lohlala lungabi nto; kodwa ukuba luthe lwafa, luvelisa isiqhamo ngakumbi.
25. Lowo ubukokosayo ubomi bakhe, wolahlekelwa bubo; kanti lowo ubuncamayo kweli hlabathi, wohlala enabo kude kube kwelizayo.
26. Lowo usisicaka sam makandilandele, abe kunye nam apho ndikhoyo. Osisicaka sam ke uya kunikwa imbeko nguBawo.”
27. “Intliziyo yam ikhathazekile ngoku. Ndingathini kodwa? Kuthi mandithi: ‘Bawo, ndisindise, ulidlulise kum eli xesha’? Hayi, mandingatsho, kuba kwakungenxa yoku ukuba ndifikelele kweli xesha.
28. Ke ngoko ndithi: ‘Bawo, zibonakalise into oyiyo wena.’ ”Kwavakala ilizwi, liphuma ezulwini, lisithi: “Ndizibonakalisile, ndibe ndisaya kuphinda ndizibonakalise.”
29. Isihlwele sabantu ababemi apho sathi liyaduduma, abanye besithi isithunywa sezulu sithethe naye.
30. Kodwa uYesu wathi kubo: “Eli lizwi alivakalanga ngenxa yam, koko livakale ngenxa yenu.
31. Lithwasile ngoku ixesha lokugwetywa kweli hlabathi; umphathi weli hlabathi uza kukhiqwa ngoku.
32. Mna ke, ndakuba ndithe ndaphakanyiswa ndemka emhlabeni, ndiya kubatsalela kum bonke.”
33. Esitsho nje, wayebaqondisa ngendlela aza kufa ngayo.
34. Isihlwele ke saphendula sathi: “*IziBhalo zithi *uKrestu uya kuhlala nathi kude kube nîni. Ungathini ke wena ukuthi *uNyana woLuntu umelwe kukuphakanyiswa emke? Kakade ngubani yena lo Nyana woLuntu?”
35. Waza uYesu wathi kubo: “Aliselide ixesha ninalo ukhanyiso. Ke ngoko hambani ekukhanyeni, nisenalo nje ukhanyiso, hleze ubumnyama buniqubule, kuba lowo uhamba ebumnyameni akayiqondi indlela ahamba ngayo.
36. Hlalani nithembele kulo ukhanyiso ngoku nisenalo, ukuze nibe ngabantu bokukhanya.”Akuba etshilo uYesu wazimela wemka.
37. Nangona uYesu wayenze imiqondiso engako phambi kwabo, abakholwanga kuye.
38. Le nto yênzeka izalisekisa oko kwathethwayo *ngumshumayeli uIsaya esithi:“Nkosi, ngubani na okholiweyo ludaba lwethu?Amandla eNkosi ngaba atyhileke kubani na?”
39. Abakholwanga ke, njengoko atshoyo nakwenye indawo uIsaya ukuthi:
40. “UThixo ubamfamekisile, ubaqaqadekisile,hleze babone ngamehlo, baqonde ngengqondo:‘Baze babuyele kum,’ utsho uThixo,‘ndize ndibaphilise.’ ”
41. UIsaya watsho kuba wabubona ubungangamsha bukaYesu, waza wathetha ngaye.