Uyohane 1:35-45 Ibhayibhile (XHO96)

35. Ngengomso uYohane wayelapho kwakhona, enababini kubafundi bakhe.

36. Waza wabona uYesu edlula apho, wathi: “Nâlo ixhwane likaThixo lokungxengxezelela isono.”

37. Abafundi abo bamva esitsho, baza bamlandela uYesu.

38. Akubheka uYesu, wabona ukuba bayamlandela, waza wathi kubo “Ngaba nifuna ntoni na?”Baza bathi kuye: “Mfundisi, uhlala phi na?”

39. Wathi kubo: “Yizani, nibone.” Bahamba kunye naye ke, bayibona indawo awayehlala kuyo, baza bahlala naye loo mini. Ixesha lalimalunga nentsimbi yesine emva kwemini.

40. YayinguAndreya, umntakwabo-Simon Petros, omnye wâbo bafundi babini beva ngoYohane, baza bamlandela uYesu.

41. Kwangoko uAndreya wabona umntakwabo uSimon, wathi kuye: “Simfumene uMesiya.” (Oko kukuthi “*uKrestu.”)

42. Wamsa kuYesu ke; waza uYesu wamjonga, wathi: “Wena unguSimon, unyana kaYohane. Igama lakho loba *nguKefas.” (Oko kukuthi “Lwalwa.”)

43. Ngengomso uYesu wabona ukuba makaye eGalili; waza wadibana noFilipu, wathi kuye: “Ndilandele.”

44. Ke uFilipu wayengowaseBhetesayida, idolophu yakuloAndreya noPetros.

45. UFilipu wadibana noNataniyeli, wathi kuye: “Simbonile lowo uMosis wabhala ngaye *emthethweni, ekwâbhalwa ngaye *nangabashumayeli. NguYesu, unyana kaJosefu waseNazarete.”

Uyohane 1