35. Ngengomso uYohane wayelapho kwakhona, enababini kubafundi bakhe.
36. Waza wabona uYesu edlula apho, wathi: “Nâlo ixhwane likaThixo lokungxengxezelela isono.”
37. Abafundi abo bamva esitsho, baza bamlandela uYesu.
38. Akubheka uYesu, wabona ukuba bayamlandela, waza wathi kubo “Ngaba nifuna ntoni na?”Baza bathi kuye: “Mfundisi, uhlala phi na?”
39. Wathi kubo: “Yizani, nibone.” Bahamba kunye naye ke, bayibona indawo awayehlala kuyo, baza bahlala naye loo mini. Ixesha lalimalunga nentsimbi yesine emva kwemini.
40. YayinguAndreya, umntakwabo-Simon Petros, omnye wâbo bafundi babini beva ngoYohane, baza bamlandela uYesu.
41. Kwangoko uAndreya wabona umntakwabo uSimon, wathi kuye: “Simfumene uMesiya.” (Oko kukuthi “*uKrestu.”)
42. Wamsa kuYesu ke; waza uYesu wamjonga, wathi: “Wena unguSimon, unyana kaYohane. Igama lakho loba *nguKefas.” (Oko kukuthi “Lwalwa.”)
43. Ngengomso uYesu wabona ukuba makaye eGalili; waza wadibana noFilipu, wathi kuye: “Ndilandele.”
44. Ke uFilipu wayengowaseBhetesayida, idolophu yakuloAndreya noPetros.
45. UFilipu wadibana noNataniyeli, wathi kuye: “Simbonile lowo uMosis wabhala ngaye *emthethweni, ekwâbhalwa ngaye *nangabashumayeli. NguYesu, unyana kaJosefu waseNazarete.”