1. Ke kaloku ngomhla wamashumi amabini anesine kwakuloo nyanga amaSirayeli aqokelelana, azila, anxiba ezirhwexayo, ezigalela ngomhlaba entloko.
2. AmaSirayeli omthonyama azahlukanisa neentlanga, ema ngeenyawo, azivuma izono zawo ndawonye nobugwenxa booyise.
3. Ema ezindaweni zawo, afunda kwincwadi yomthetho *kaNdikhoyo uThixo wawo isithuba sesahlulo sesine semini, aza ke ngesinye isahlulo sesine avuma izono enqula uNdikhoyo uThixo wawo.
4. Ke bona abaLevi uYeshuwa, uBhani, uKademiyeli, uShebhaniya, uBhuni, uSherebhiya, uBhani, noKenani, bema eqongeni, bedanduluka bebiza kuNdikhoyo uThixo wabo.
5. Aba baLevi bangooYeshuwa, uKademiyeli, uBhani, uHashabeneya, uSherebhiya, uHodiya, uShebhaniya, noPetaya, basuka bathi: “Phakamani nibonge uNdikhoyo uThixo wenu, umahlal' ehleli ngonaphakade kanaphakade, nithi:“Malibongwe igama lakho elidumileyo;ngamana laphakanyiselwa phezulu kunayo yonke intsikelelo nezibongo.
6. Nguwe wedwa uMahlalekho,nguwe umenzi wamazulu,nalawo asemajuku-jukwini,nelo hlokondiba leenkwenkwezi zawo,nkqu nehlabathi nako konke okukulo,oozilwandle nako konke ezikufumbathileyo.Iinto zonke uzithi jize ngobomi,neendimbane zamazulu zinqula wena.
7. “Wena unguNdikhoyo uThixo.Nguwe owanyula uAbram,wamkhupha eUre yelamaKaledi,waza wamthiya elinguAbraham.
8. Wena wamfumanisa enyanisekile,waza wenza umnqophiso nayewokunika izizukulwana zakheumhlaba wamaKanana namaHiti,ama-Amori namaPerezi,amaJebhusi namaGirgashi.Waza ke waligcina elo dinga,kuba wena ulilungisa.
9. “Wakubona ukubandezeleka koobawo-mkhulu kwelaseJiputa;phaya kuLwandle oluBomvu wasiphulaphula isikhalo sabo.
10. Wathumela imiqondiso emangalisayo,ukumkani waseJiputa wamenzela izimanga,nawo onke amaphakathi akhe,nabantu belizwe lakhe,kuba wena uyazi inkohlakalo yawo amaJiputa kubantu bakho.Wena wazenzela igama eliqaqambileyo unanamhlanje!