Unehemiya 8:11-17 Ibhayibhile (XHO96)

11. Ke abaLevi babazolisa abantu, besithi: “Le yimini eyodwa, zolani. Sanukuba lusizi.”

12. Ngoko ke bonke abantu baya kwenza itheko, batya, basela, besabelana ngokutya benemincili, kuba kaloku ngoku bewaqondile amazwi ababewacaciselwe.

13. Ngomhla wesibini wenyanga leyo ke iinkulu zemizi zinababingeleli nabaLevi zaqokelelana kuEzra umchazi-mthetho ukuze ziqwalasele amazwi omthetho.

14. Apho kuloo mthetho wayalelwa nguNdikhoyo ngoMosis bafumanisa kubhaliwe kwathiwa amaSirayeli makahlale kumaphempe ngethuba letheko lenyanga yesixhenxe,

15. kananjalo balishumayele ilizwi elo linwenwele kuzo zonke iidolophu naseJerusalem, besithi: “Phumani niye kweleentaba, nibuye namahlamvu omnquma, nalowo wasendle, awemetile, nawesundu, naweminye imithi, ukuze ngawo kwenziwe amaphempe njengoko kubhaliweyo.”

16. Baphuma ke abantu, baza babuya namahlamvu emithi, bazakhela ngawo amaphempe kumaphahla abo, kwiinkundla zemizi yabo, nakwiinkundla zendlu kaThixo, ngokunjalo nasebaleni elingakwiSango laManzi nelingakwiSango likaEfrayim.

17. Lonke ke elo gqiza lalibuye ekuthinjweni lazakhela amaphempe, laza lahlala kuwo. Ke ukusukela kwimihla kaYoshuwa unyana kaNune kude kube lelo thuba amaSirayeli la ayengazange alibhiyozele ngale ndlela eli theko. Ewe, ayonwabe ngovuyo olukhulu.

Unehemiya 8