Unehemiya 6:17-19 Ibhayibhile (XHO96)

17. Ngaloo mihla ke izikhulu zakwaJuda zazithumela intaphane yeeleta kuTobhiya; neempendulo ke zazithululeka ukungena zivela kuTobhiya.

18. Kaloku amaJuda amaninzi ayenqophisene naye, njengoko wayengumkhwenyana kaShekaniya unyana ka-Ara, unyana wakhe uYohanan ethathe intombi kaMeshulam unyana kaBherekiya.

19. Ngaphezu koko kaloku babengoosiputsu abandinika ingxelo yemisebenzi yakhe emihle, bandule ke ukuya kumxelela loo nto ndiyithethileyo mna. Ke yena uTobhiya wayendithumelela iileta zokundigrogrisa.

Unehemiya 6