Ndawuvuthulula umnweba wam ndisithi: “Ngamana wenjenje uThixo ukuyivuthulula indlu yakhe, kunye naye nabani na onezinto, ongavumiyo ukusifezekisa esi sithembiso. Umntu onjalo makavuthululwe ashiywe eyimpula kalujaca!”Ndithe ke ndakutsho, ibandla lonke lathelela lathi: “*Amen,” lamdumisa uNdikhoyo. Ngenene ke abantu benza ngokwesithembiso sabo.