24. UPetaniya unyana kaMeshezabheli, omnye wenzala kaZera unyana kaJuda, wayesisandla sikakumkani kuyo yonke imicimbi emayela noluntu.
25. Ngokumayela neelali namasimi azo, abanye kubantu bakwaJuda babehlala eKiriyati-arbha namaphandle ayingqongileyo, eDibhon neziphaluka, eKabhezeli neelali zayo,
26. eYeshuwa, eMolada, eBhete-pelete,
27. eHazare-shuwali, eBheshebha neelali zayo,
28. eZikelage, eMekona neziphaluka,
29. e-En-rimon, eZora, eYamuti,
30. eZanowa, eAdulam neelali zazo, eLakishe namasimi ayo, eAzeka neziphaluka. Ewe, babethe qwelele kuwo wonke loo mmandla ukusuka eBheshebha kuye kwintili yeHinom.
31. Inzala kaBhenjamin eyayivela eGebha yayihlala eMikmas, eAya, eBhetele neziphaluka,
32. eAnatoti, eNobhi, eAnaniya,
33. eHazore, eRama, eGitayim,
34. eHadide, eZebhoyim, eNebhalati,