Unehemiya 11:1-12 Ibhayibhile (XHO96)

1. Ke kaloku iinkokheli zesizwe zazinza eJerusalem, baza abanye abantu benza amaqashiso ukuze kwishumi ngalinye labantu umntu omnye aphume aye kuma eJerusalem, isixeko esingcwele, baze ke abaseleyo abalithoba beme kwiidolophu zabo.

2. Abantu babancoma abo bazinikelela ukuya kuma eJerusalem.

3. Nazi iinkokheli zephondo ezaya kuhlala eJerusalem: Ke amanye amaSirayeli, ababingeleli, abaLevi, nezicaka zendlu kaThixo, nenzala yezicaka zikaSolomon, yahlala kwiidolophu zelakwaJuda; yangulowo nalowo wahlala emzini wakhe kwezo dolophu zahlukeneyo;

4. babe ke abanye abakwaJuda nabakwaBhenjamin behleli eJerusalem.Kwinzala kaJuda yaba nguAtaya unyana kaUziya, kaZakariya, ka-Amariya, kaShefatiya, kaMahalaleli, inzala kaPerezi,

5. noMaseya unyana kaBharuki, unyana kaKolihoze, kaHazaya, ka-Adaya, kaYoyaribhi, kaZakariya, inzala kaShela.

6. Iyonke inzala kaPerezi, eyayihlala eJerusalem, yayingamagorha angamakhulu amane anamashumi amathandathu anesibhozo.

7. Inzala kaBhenjamin yayinguSalu unyana kaMeshulam, kaJowedi, kaPedaya, kaKolaya, kaMaseya, kaItiyeli, kaYesaya,

8. nabalandeli bakhe, uGabhayi noSalayi, bebonke bengamadoda angamakhulu alithoba anamashumi amabini anesibhozo.

9. Inkokheli yabo yayinguJoweli unyana kaZikri, yena uJuda unyana kaSenuwa evelele isiphaluka sesibini sesixeko.

10. Kubabingeleli yayinguYedaya unyana kaJoyaribhi, uJakin,

11. uSeraya unyana kaHilekiya, kaMeshulam, kaZadoki, kaMareyoti, ka-Ahitubhi owayongamele indlu kaThixo,

12. namahlakani abo awayeqhuba umsebenzi wendlu kaThixo bengamadoda angamakhulu asibhozo anamashumi amabini anambini; uAdaya unyana kaJeroham, kaPelaliya, ka-Amzi, kaZakariya, kaPashure, kaMalekiya,

Unehemiya 11