Umsebenzi Wabathunywa 7:19-23 Ibhayibhile (XHO96)

19. Wabenzela ubutshijolo abantu bakowethu, wabakhohlakalela ookhokho bethu, ebanyanzela ukuba babalahle abantwana babo, ukuze babe sesichengeni sokufa.

20. Wazalwa ngeli xesha ke uMosis engumntwana omhle kakhulu. Wakhuliselwa ekhayeni lakhe iinyanga ezintathu;

21. waza wathi naye akulahlwa, wacholwa yintombi yokumkani waseJiputa, yazikhulisela yena.

22. Wabufunda bonke ubulumko bamaJiputa, waza waba yingcaphephe ekuthetheni nasekwenzeni.

23. “Akuba neminyaka engamashumi amane uMosis, watyelela amawabo amaSirayeli.

Umsebenzi Wabathunywa 7