Umsebenzi Wabathunywa 5:12-16 Ibhayibhile (XHO96)

12. *Abathunywa benza imiqondiso nemimangaliso emininzi ebantwini. Bonke abakholwayo babehlangana eVarandeni kaSolomon.

13. Abangakholwayo babengazibandakanyi nabo, nakuba kwakuthethwa kakuhle ngabo.

14. Kuyo yonke loo nto kwabakho ihlokondiba lamadoda namakhosikazi azinikelayo eNkosini, laza longezeka inani labo.

15. Baza abagulayo basiwa ezitalatweni, balaliswa ezibhedini nasemakhukweni, ukuze kuthi xa agqithayo uPetros isithunzi sakhe siwe phezu kwabanye.

16. Izihlwele zabantu zazisiza, zivela kwiidolophu ezimelene neJerusalem, zizisa abagulayo nĂ¢bo babeneendimoni, baze baphile bonke.

Umsebenzi Wabathunywa 5