23. Nabani na ke ongamphulaphuliyo lo mshumayeli uya kusikwa ebantwini bakaThixo atshatyalaliswe.’
24. Abashumayeli bonke ukususela kuSamweli nabo bamlandeláyo, bayixela le mihla sikuyo.
25. Nisisizukulwana sabashumayeli, ninenxaxheba kumnqophiso owenziwa nguThixo nooyihlo-mkhulu, xa wathi kuAbraham: ‘Ngesinqe sakho ndiya kubasikelela bonke abantu bomhlaba.’
26. UThixo ke esimisele isiCaka sakhe wasithumela kuni kuqala, ukuze anenzele inceba niguquke kwinkohlakalo yenu.”