Umsebenzi Wabathunywa 3:23-26 Ibhayibhile (XHO96)

23. Nabani na ke ongamphulaphuliyo lo mshumayeli uya kusikwa ebantwini bakaThixo atshatyalaliswe.’

24. Abashumayeli bonke ukususela kuSamweli nabo bamlandeláyo, bayixela le mihla sikuyo.

25. Nisisizukulwana sabashumayeli, ninenxaxheba kumnqophiso owenziwa nguThixo nooyihlo-mkhulu, xa wathi kuAbraham: ‘Ngesinqe sakho ndiya kubasikelela bonke abantu bomhlaba.’

26. UThixo ke esimisele isiCaka sakhe wasithumela kuni kuqala, ukuze anenzele inceba niguquke kwinkohlakalo yenu.”

Umsebenzi Wabathunywa 3