Umsebenzi Wabathunywa 3:15-18 Ibhayibhile (XHO96)

15. Nayibulala imbangi yobomi; ke yena uThixo wayivusa ekufeni. Yeyona nto singqina yona ke leyo.

16. Kukuvuma nokuzinikela kwigama likaYesu okuyomelezileyo le ndoda niyibonayo, niyaziyo. Ligunya legama lakhe elimenze waphila njengokuba nimbona elapha phambi kwenu nje lo mntu.

17. “Ndiyazi ke, mawethu, ukuba nina neenkokheli zenu le nto niyenze kuYesu ngokungazi.

18. Loo nto ngoko uThixo wayazisayo ngabo bonke *abashumayeli, yokuba umelwe kukubandezeleka, uyizalisekisile.

Umsebenzi Wabathunywa 3