Umsebenzi Wabathunywa 28:23-29 Ibhayibhile (XHO96)

23. Bavumelana ngosuku noPawulos, kwaza ngaloo mini bafika bebaninzi apho wayehlala khona uPawulos. Waqala kwakusasa kwada kwahlwa ecacisa, ebachazela ngokuthwasa kolawulo lukaThixo. Wazama ukuboyisela kuYesu ngokucaphula *kumthetho kaMosis nakwiincwadi *zabashumayeli bamandulo.

24. Abanye babo boyisakala ngamazwi akhe, abanye àbakholwa noko.

25. Bemka ke bephikisana bodwa, akuba uPawulos ethe kubo: “Wathetha kakuhle kambe uMoya oyiNgcwele ngomshumayeli uIsaya kooyihlo-mkhulu,

26. xa wathi:“ ‘Yiya uthi kwaba bantu:Nàkuphulaphula niphulaphule, ningaqondi noko;nàkujonga nijonge, ningaboni nto.

27. Kuba ingqiqo yaba bantu ibuthuntu,bazivingcile iindlebe zabo,bawavala namehlo abo.Kungenjalo bebeya kubona,beve ngeendlebe zabo,baqonde ngeengqondo zabo,baze babuyele kum,ndize ndibaphilise;’utsho uThixo.”

28. UPawulos wenjenje ukuyiphetha intetho yakhe: “Ngoko ke yazini ukuba udaba lukaThixo olungosindiso lusiwa ezintlangeni. Ziya kuluva zona.” [

29. Emva kokuba uPawulos etshilo, emka amaJuda, ehamba exambulisana odwa.]

Umsebenzi Wabathunywa 28