1. Kwakuba kugqityiwe ukuba sisiwe ngenqanawa eItali, uPawulos ekunye namanye amabanjwa banikelwa kuJuliyo, owayengumphathi-butho lomkhosi ekuthiwa libutho *likaKhesare.
2. Sangena enqanaweni eyayivela eAdramita, iza kunduluka iye kwizikhululo-nqanawe zephondo laseAsiya, sahamba ngayo. Wayekunye nathi uAristarko waseTesalonika, ekummandla waseMakedoni.
3. Sagaleleka eSidon ngemini elandelayo. UJuliyo wamphatha ngobubele uPawulos, wamvumela ukuba aye kubona abalingane bakhe, khon' ukuze bamtende.