22. Kodwa kude kwayile mini uThixo endinceda; nangoku ndimi apha ndingqina kubo bonke, abaphakamileyo nabaphantsi ngokufanayo. Le nto ndiyithethayo ikwayiloo nto bayithethayo *abashumayeli bamandulo kwakunye noMosis,
23. le yokuba uKrestu umelwe kukuva ubunzima, aze abe ngowokuqala ukuvuka kwabafileyo, avakalise ukuvela komsobomvu wosindiso kumaJuda nasezintlangeni.”
24. Wathi uPawulos esazithethelela njalo, uFesto wakhwaza wathi: “Uphambene, Pawulos! Imfundo eninzi iyakuphambanisa!”
25. UPawulos waphendula wathi: “Andiphambananga, mhlekazi Festo; la mazwi ndiwathethayo ayinyaniso, futhi ngawengqondo.
26. Mhlekazi Agripa, ndingathetha phandle nawe, kuba wena uyazazi ezi zinto. Ndiqinisekile ukuba waziqaphela xa zizonke, kuba le nto ayizange ifihlakale ukwenzeka kwayo.
27. Kumkani Agripa, uyakholwa ludaba *lwabashumayeli bamandulo? Kambe ndiyazi ukuba uyakholwa!”
28. Wathi uAgripa kuPawulos: “Kwangoku sowufuna ukundenza umKrestu nam?”
29. UPawulos waphendula wathi: “Nokuba kukwangoku, nokuba kukade, ngumthandazo wam ukuba ingabi nguwe wedwa, kodwa ibe ngabo bonke abandiphulaphuleyo namhlanje, babe njengam; kodwa ke noko bona bangakhonkxwa.”
30. Waza ke ukumkani, irhuluneli, noBhernike, nabo bonke ababelapho, baphakama,
31. baza xa bemkayo wathi omnye komnye: “Le ndoda ayenzanga nto engade ibulawe okanye ifakwe entolongweni ngenxa yayo.”
32. Wathi uAgripa kuFesto: “Le ndoda ngeyikhululwa ukuba ibingabhenelanga *kuKhesare.”