Umsebenzi Wabathunywa 20:1-4 Ibhayibhile (XHO96)

1. Lwakuba ludambile udushe olo, uPawulos wawahlanganisa amakholwa, wawanika amazwi enkuthazo nawokwahlukana. Waza wasuka apho wasinga kwelaseMakedoni.

2. Watyhutyha loo mimandla, ehamba ethetha amazwi enkuthazo ebantwini. Wafika nakwelamaGrike,

3. apho wahlala iinyanga ezintathu. Wathi xa alungiselela ukuya eSiriya, wabhaqa ukuba amaJuda amenzela iyelenqe, waza wabona ukuba makaphindele emva, acande kwelaseMakedoni.

4. Nâba abâmkhapháyo: uSopatro unyana kaPiro waseBheriya, uAristarko noSekundo baseTesalonika, uGayo waseDerbhe noTimoti, kwanoTikiko noTrofimo baseAsiya.

Umsebenzi Wabathunywa 20