Umsebenzi Wabathunywa 18:5-13 Ibhayibhile (XHO96)

5. Bakufika ooSilas noTimoti, bevela eMakedoni, uPawulos akabanga senza nto yimbi ingekuko ukushumayela iindaba ezimnandi, ewacacisela amaJuda ukuba uYesu unguye uKrestu.

6. Kuthe akumchasa emngcikiva, wavuthulula iimpahla zakhe, ekhalala, esithi: “Ukuba nithe natshabalala, lityala lenu. Mna andinatyala kuloo nto. Ukususela ngoku ndiya ezintlangeni.”

7. Wabashiya ke waya kuhlala emzini kaTitiyo Yusto intlanga eyayimnqula uThixo. Umzi wakhe wawumelene nendlu yesikhungo.

8. UKrispo, igosa lendlu yesikhungo, wazinikela eNkosini kunye nentsapho yakhe. Kwabhaptizwa nenkitha yabantu eKorinte eyalivayo ilizwi yazinikela eNkosini.

9. Ngabusuku buthile uPawulos waba nombono apho, yathi iNkosi kuye: “Sukoyika, zingisa ukuthetha ungancami,

10. kuba mna ndinawe. Akukho mntu uya kukuchukumisa, kuba baninzi abantu bam kule dolophu.”

11. UPawulos wahlala apho ke unyaka onesiqingatha, ebafundisa ilizwi likaThixo abantu.

12. Kwathi akuba uGaliyo eyirhuluneli emele amaRoma kwisithili saseAkaya, amaJuda adibana ngoPawulos, amthatha amsa enkundleni, afika athi:

13. “Le ndoda izama ukuwexula abantu ukuba bakhonze uThixo ngendlela ephambeneyo nomthetho.”

Umsebenzi Wabathunywa 18