23. Bakuba bebethwe kanobom, bavalelwa entolongweni. Wayalelwa nojela ukuba abatshixele abagcine ngokunqabileyo.
24. Ewufumene umyalelo lowo, ujela wabatshixela kwelingaphakathi igumbi, wabakhonkxa iinyawo ngezikhuni.
25. Phakathi kobusuku uPawulos noSilas bathandaza bacula bedumisa uThixo, namanye amabanjwa ebeva.
26. Ngesaquphe kwabakho inyikima eyashukumisa izisekelo zentolongo. Zatsho zavuleka zonke iingcango, namatyathanga akhululeka kumabanjwa.
27. Evukile ujela, wabona iingcango zentolongo zivulekile, wacinga ukuba abalekile amabanjwa onke; waza warhola ikrele lakhe, eza kuzibulala.
28. Kuthe kusenjalo wamemeza uPawulos esithi: “Mus' ukuzenzakalisa, kuba sisaphelele!”
29. Ujela lowo wathi makuziwe nesibane, waza engcangcazela enjalo wangena wawa ezinyaweni zikaPawulos noSilas.
30. Wabakhuphela phandle, wabuza wathi: “Bahlekazi, ndingenza ntoni ukuze ndisinde?”Bona baphendula bathi:
31. “Zinikele eNkosini uYesu; uya kusindiswa wena nosapho lwakho.”
32. Bamchazela ke yena nabo bonke ababesendlwini yakhe ngodaba lweNkosi.
33. Ngaloo yure kanye yobusuku ujela wabathatha, wahlamba amanxeba abo; waza wabhaptizwa kunye nosapho lwakhe kwangoko.
34. Waya nabo endlwini yakhe ooPawulos noSilas, wabapha ukutya. Yena nosapho lwakhe bazaliswa luvuyo ngenxa yokuba bezinikele kuThixo.