Umsebenzi Wabathunywa 14:16-28 Ibhayibhile (XHO96)

16. Mandulo uThixo wabayeka abantu, benza ukuthanda kwabo;

17. kodwa wasoloko ezibonakalisa ubukho bakhe ngezinto ezintle azenzayo. Usipha imvula nezilimo ngamaxesha afanelekileyo; usipha nokudla, iintliziyo zethu azizalise ngovuyo.”

18. Naxa sebethethe kangako abathunywa, phantse bangabi nako ukusijika isihlwele ekubeni sibenzele idini.

19. Kwafika iqela lamaJuda evela eAntiyokwe yasePisidi naseIkoniyo. Ekubeni ezifake umoya ombi izihlwele, ukuba zithathe icala lawo, bamxuluba ngamatye uPawulos, bamrhuqela ngaphandle kwedolophu, beba ufile.

20. Kodwa akungqongwa ngamakholwa, wavuka, wabuyela kwasedolophini. Ngengomso wemka kunye noBharnabha, baya eDerbhe.

21. UPawulos noBharnabha bazishumayela iindaba ezimnandi naseDerbhe, bafumana inkitha eyaba ngabalandeli bakaYesu. Baza ke babuyela eListra, baya eIkoniyo ukusuka apho, baya naseAntiyokwe yasePisidi.

22. Bawomeleza amakholwa, bewakhuthaza ukuba ahlale ehleli elukholweni enyanisekile, besithi ukufundisa: “Simelwe kukuthwala ubunzima thina singene phantsi kolawulo lukaThixo.”

23. Kwibandla ngalinye batyumba abadala, babanikela ngemithandazo nangozilo-kutya eNkosini ababethembele kuyo.

24. Emveni kokutyhutyha ummandla wasePisidi, bafika ePamfili.

25. Bashumayela udaba ePerga, baza badlulela eAtaliya.

26. Basuka apho ngesikhephe babuyela eAntiyokwe yaseSiriya, apho babenikelwe elugcinweni naselubabalweni lukaThixo ukuya kwenza kwabo lo msebenzi bawufezileyo ngoku.

27. Bakufika eAntiyokwe, balihlanganisela ndawonye ibandla, babalisa ngezinto uThixo awazenza ngabo, bexela nokuba nabaziintlanga uThixo ubavulele indlela yokukholwa.

28. Bahlala ke apho kunye namakholwa ithuba elide.

Umsebenzi Wabathunywa 14