41. Akazange wabonakala kubantu bonke, koko wabonakala kuthi mangqina awawakhetha kwangaphambili uThixo, thina sasisitya sisela kunye naye emveni kokuba uThixo emvusile ekufeni.
42. Wasigunyazisa ukuba sishumayele ebantwini, singqine ukuba ungulowo uThixo amnyulele ukuba ngumgwebi wabahleliyo nabafileyo.
43. Bâthetha ngaye bonke *abashumayeli besithi wonke umntu ozinikelayo kuye uxolelwa izono zakhe ngamandla egama lakhe.”
44. Esathethanje uPetros, wehla uMoya oyiNgcwele phezu kwabo bonke abo babephulaphule.