Umsebenzi Wabathunywa 10:29-32 Ibhayibhile (XHO96)

29. Yiyo loo nto uthe wakundibiza andala. Khawundixelele ke, undibizele ntoni?”

30. Uthe ukuphendula uKorneli: “Ngoku kusemva kweentsuku ezine oko ndandithandaza endlwini yam, malunga neli lixa ngentsimbi yesithathu emva kwemini, kwathi gqi umfo onxibe ezibengezelayo, wema phambi kwam,

31. wathi kum: ‘Korneli, uThixo uyamkele imithandazo yakho, wayikhumbula nemisebenzi yakho yesisa.

32. Ngoko ke thuma umntu eJopa, aye kubiza umntu ogama linguSimon Petros. Ulundwendwe lukaSimon umsuki weemfele, ondlu ingaselwandle.’

Umsebenzi Wabathunywa 10