Umsebenzi Wabathunywa 10:23-37 Ibhayibhile (XHO96)

23. Wangena nabo endlwini uPetros, baza balalisa apho ngaloo mini.Ngosuku olulandelayo wahamba nawo la madoda kunye namanye amakholwa aseJopa.

24. Ngengomso wagaleleka eKhesariya, apho wafika elindelwe nguKorneli nezizalwana nezihlobo zakhe ezisenyongweni.

25. Xa angenayo uPetros, uKorneli wazikhahlela phambi kwakhe,

26. kodwa uPetros wamphakamisa wathi: “Hayi, ndingumntu nje nam; musa ukwenjenjalo.”

27. UPetros wayethetha noKorneli ekungeneni kwakhe endlwini, apho wafika kubuthelene abantu abaninzi.

28. Uthe kubo uPetros: “Nina ngokwenu nazi kakuhle ukuba umJuda akavumelekile ngokwenkolo yakowabo ukuba andwendwele nokuba abe nento yokwenza neentlanga. Selendibonisile ke kodwa uThixo ukuba mandingathathi bani njengongahlambulukanga.

29. Yiyo loo nto uthe wakundibiza andala. Khawundixelele ke, undibizele ntoni?”

30. Uthe ukuphendula uKorneli: “Ngoku kusemva kweentsuku ezine oko ndandithandaza endlwini yam, malunga neli lixa ngentsimbi yesithathu emva kwemini, kwathi gqi umfo onxibe ezibengezelayo, wema phambi kwam,

31. wathi kum: ‘Korneli, uThixo uyamkele imithandazo yakho, wayikhumbula nemisebenzi yakho yesisa.

32. Ngoko ke thuma umntu eJopa, aye kubiza umntu ogama linguSimon Petros. Ulundwendwe lukaSimon umsuki weemfele, ondlu ingaselwandle.’

33. Ndithumele kwangoko kuwe, nawe ke ulungisile ukuza. Thina sonke sihlangene apha ngenjongo yokudibana noThixo, silindele ukuphulaphula yonke into iNkosi ekuyalele ukuba usixelele yona.”

34. UPetros wathetha wenjenje: “Ngenene ndiyaqonda ngoku ukuba uThixo akamkhethi wabuso bamntu.

35. Nabani na, nokuba ngowaluphi na uhlanga, ukuba uyamhlonela uThixo, esenza okulungileyo, wamkelekile kuye.

36. Niyalwazi udaba awaluthumela kumaSirayeli, evakalisa iindaba ezimnandi zoxolo ngoYesu Krestu, oyiNkosi yabantu bonke.

37. Niyasazi isiganeko esenzekayo kulo lonke elakwaJuda, ukuqalela eGalili, emva kokushumayela kukaYohane ngobhaptizo.

Umsebenzi Wabathunywa 10