Umika 6:1-12 Ibhayibhile (XHO96)

1. Phulaphulani oko *uNdikhoyo akuthethayo:“Phakama uxoxe, zive neentaba;neenduli mazilive ilizwi lakho.

2. Kuveni ukubambana kukaNdikhoyo, zintaba.Phulaphulani, ziseko ezingatshitshiyo zehlabathi.UNdikhoyo ubabeka ityala abantu bakhe;ewe, ubeka isityholo kuSirayeli.

3. “Ngaba ndinenze ntoni, bantu bam?Kodwa-kodwa ndinidinise ngantoni?Hayi kaloku, ndiphenduleni!

4. Andithi ndanikhupha kwelaseJiputa;ndanikhulula kwilizwe lobukhoboka;ndaninika uMosis ukuba anikhokele,enoAronMfud 4:10-16 noMiriyam?

5. Bantu bam, senikulibele na ukucetyiswa kukaBhalaki ukumkani waseMowabhi?Aniyikhumbuli na impendulo kaBhalam unyana kaBhehore?Zona izigigaba zaseShitim naseGiligali?Yiqiqeni imisebenzi elungileyo kaNdikhoyo.”

6. Ndoya nantoni kodwa phambi *koNdikhoyo?Ndokhahlela ndinantoni kuThixo uPhezukonke?Ngaba ndoya namadini atshiswayo,ndiye namathole anyaka mnye?

7. Ngaba uNdikhoyo wokholiswa na ngamawaka-waka eenkunzi zeegusha,nangawo amawaka alishumi emilambo yamafutha omnquma?Ubugwenxa bam ndingabungxengxezela na ngezibulo lam,isono sam ngesiqhamo somzimba wam?

8. Ukuxelelwe, mntundini, oko kulungileyo –nditsho oko uNdikhoyo akufunayo kuwe:kukwenza ngobulungisa, uthande ububele,uhambe ngokuthobileyo kunye noThixo wakho.

9. UNdikhoyo ubhekisa ilizwi lakhe esixekweni.Bubulumko ukuthobela igama lakhe.Yigqaleni intonga yakhe nalowo wayimiselayo.

10. “Soze ndibulibale, ndlundini yenkohlakalo,ubutyebi obuzuze ngobuqhophololo.Ziqalekisiwe izilinganiso zakho zobuqhetseba.

11. Andimxoleli umntu osikali sinexanasi,osebenzisa amatye okuveyisha anenkohliso.

12. Izinhanha zakho zizibhoja,kanti abantu bakho bayaxoka,batsho ngolwimi olukhohlisayo.

Umika 6