7. Ndlu kaYakobi, ngani ukuba kuthiwe:“Ngaba uMoya kaNdikhoyo ukhathazekile?Uthi angazenza izinto ezinjalo?”“Akazali buhle na amazwi am kwabo bahamba ngokuthe ngqo?
8. Abantu bam basand' ukundivukela oku kotshaba.Abo badlulayo bengacingele nto, oku kwamajoni avela emfazweni,nibahluba izambatho zabo ezingayiwayo.
9. Niyabagxotha abafazi bakowethu,bemke emizini elibhongo labo.Abantwana babo nibohlutha intsikelelo yam,bangaze bayifumane naphakade.