8. Bakukubona oku abantu, batsho boyika, bamdumisa uThixo, yena onika abantu igunya elingaka.
9. UYesu waphuma apho, wathi edlula, wabona indoda egama linguMatewu, ihleli eofisini yerhafu, wathi kuyo: “Ndilandele.”Yaphakama, yamlandela.
10. Kwathi xa uYesu wayesitya endlwini, into eninzi yabaqokeleli-rhafu *neyaboni yeza yahlala kunye naye nabafundi bakhe etafileni.
11. Bakukubona oku *abaFarasi, bâthi kubafundi bakhe: “Kutheni na okokuba umfundisi wenu atye kunye nabaqokeleli-rhafu naboni?”
12. Ekuvile oko uYesu, wathi kubo: “Ugqirha akafuneki nganto kwabaphilileyo, ufuneka kwabagulayo.
13. Khaniye kufunisisa okokuba ithetha ukuthini na le ndawo eziBhalweni ithi: ‘Ndithanda inceba, andithandi mbingelelo.’ Ke mna andizanga kubiza malungisa, ndize kubiza aboni.”
14. Abafundi bakaYohane umbhaptizi beza kuYesu, bambuza bathi: “Kutheni na okokuba thina *nabaFarasi sisoloko sizila ukutya nje, kanti bona abafundi bakho abazili?”
15. Wabaphendula wathi: “Ngaba abakhaphi bomyeni bangákhedama na umyeni esenabo? Abangekhe! Kodwa lofika ixesha lokuba umyeni asuswe kubo, bandule ke ukuzila.