Umatewu 9:26-38 Ibhayibhile (XHO96)

26. Yaduma loo nto kuwo wonke loo mmandla.

27. UYesu wemka apho, kwathi edlula walandelwa ziimfama ezimbini, zikhwaza zisithi: “Nyana kaDavide, senzele inceba.”

28. Akungena endlwini uYesu, zeza kuye iimfama ezo, waza uYesu wathi kuzo: “Niyakholwa na okokuba ndinako ukukwenza oku?”Zaphendula zathi: “Ewe, Nkosi.”

29. Waza uYesu wawachukumisa amehlo azo, esithi: “Makwenzeke kuni ngokokholo lwenu.”

30. Avuleka ke amehlo azo. Waza uYesu waziyala kakhulu, esithi: “Lumkani kungàziwa mntu oku.”

31. Kodwa zona zemka zazibhengeza iindaba ezingoYesu kuwo wonke loo mmandla.

32. Ukuphuma kwazo ezi mfama, nako kufika isimumu esiphethwe yindimoni, siziswa kuYesu.

33. Kwathi yakukhutshwa indimoni wasuka wathetha lowo ubesisimumu; baza bamagaliswa abantu, besithi: “Into enje ayizange yenzeke kwaSirayeli.”

34. Kodwa bona *abaFarasi bâthi: “Ngumphathi weendimoni lo umnika amandla okukhupha iindimoni ezi.”

35. UYesu wayejikeleza kuzo zonke izixeko needolophu, efundisa *ezindlwini zesikhungo, eshumayela iindaba ezimnandi zolawulo lukaThixo, ephilisa abantu kwizifo ngezifo.

36. Akuzibona izihlwele, wavelana nazo, kuba bezinxubile, zityhafile ngokweegusha ezingenamalusi.

37. Ke wathi kubafundi bakhe: “Umsebenzi wokuvuna mkhulu, kodwa bambalwa abavuni.

38. Thandazani ke ngoko kuMnini-sivuno, okokuba athumele abasebenzi, baye kuvuna.”

Umatewu 9