16. “Kaloku akukho mntu uthungela isiziba esitsha kwisambatho esidala, kuba sofinyela, sisikrazule isambatho eso.
17. Kananjalo akukho mntu uyitha kwiimvaba ezindala iwayini entsha engekabili, kuba ukuba uthe wenjenjalo, zogqabhuka zonakale iimvaba, ichitheke iwayini. Kaloku iwayini engekabili ithiwa kwiimvaba ezintsha, ize ke igcinakale iwayini, zingonakali iimvaba.”
18. Kwathi esazithetha kubo uYesu ezi zinto, kwafika igosa *lendlu yesikhungo, laqubuda kuye, lathi: “Intombi yam isand' ukubhubha. Yiza, uyibeke isandla; iya kuphila.”
19. Waphakama uYesu, walilandela, ehamba nabafundi bakhe.
20. Ke umfazi owayehlamba engaphezi iminyaka elishumi elinambini esifa, wasondela ngasemva, wachukumisa umqukumbelo wesambatho sikaYesu,