Umatewu 8:12-23 Ibhayibhile (XHO96)

12. Kodwa abo babekade bengabohlanga olulawulwa nguThixo bolahlelwa phandle ebumnyameni lee, apho baya kulila khona bengcungcutheka.”

13. Waza uYesu wathi kumphathi-butho: “Hamba ke; ngenxa yokuba ukholiwe, wokwenzelwa oko.” Saza saphila kwangelo xesha isicaka eso.

14. UYesu waya kwaPetros, wabona umkhwekazi kaPetros elele ephethwe yifiva.

15. Wabamba isandla sakhe; yamyeka ifiva, waphakama, walungiselela uYesu ukutya.

16. Kwakuhlwa kwaziswa kuYesu abantu abaninzi ababeneendimoni. Wazikhupha ngelizwi ezo ndimoni, wabaphilisa bonke abantu ababegula.

17. Oku wakwenza ukuze kuzaliseke ilizwi *lomshumayeli uIsaya elithi: “Wabuthathela kuye ubulwelwe bethu, wazisusa kuthi izifo zethu.”

18. UYesu akuyibona indimbane emngqongileyo, wayalela ukuba kuyiwe phesheya koLwandle lwaseGalili.

19. Kweza mchazi-mthetho uthile kuye, wathi: “Mfundisi, ndiya kuba ngumlandeli wakho, ndiye naphi na apho uthe waya khona.”

20. UYesu wathi kuye: “Iimpungutye zinemingxuma, neentaka zineendlwane, kodwa yena *uNyana woLuntu akanayo nendawo le yokufaka intloko.”

21. Omnye umfundi wathi kuYesu: “Nkosi, ndivumele ndiye kungcwaba ubawo kuqala.”

22. UYesu wathi kuye: “Yiba ngumlandeli wam wena, ubayeke abafileyo, bangcwabe abafileyo babo.”

23. Kwathi uYesu akukhwela esikhitshaneni, bahamba naye abafundi bakhe.

Umatewu 8