Umatewu 8:1-9 Ibhayibhile (XHO96)

1. Akuhla entabeni apho uYesu, walandelwa ngabantu abaninzi.

2. Kwabonakala kusiza umntu oneqhenqa, owaqubuda phambi kwakhe, wathi: “Nkosi, ndiyazi ukuba unako ukundihlambulula ukuba uyathanda.”

3. Wasolula isandla uYesu, wamchukumisa esithi: “Ndiyathanda, hlambuluka.” Lahlambuluka kwangoko iqhenqa lakhe.

4. Waza wathi kuye uYesu: “Lumka ungaxeleli bani. Hamba uye kuzibonisa kumbingeleli, wenze umnikelo wezo zinto uMosis wazimiselayo, ube bubungqina ebantwini bokuhlanjululwa kwakho.”

5. Kwathi uYesu akungena eKapernahum, wahlangatyezwa ngumphathi-butho wamajoni, owambongozayo

6. esithi: “Nkosi, isicaka sam silele ngendlu. Asisaphakami; sithuthunjelwa gqitha.”

7. UYesu wathi kuye: “Ndofika ndisiphilise.”

8. Waphendula umphathi-butho wathi: “Nkosi, andifanelekanga ukuba ungene phantsi kwentungo yendlu yam. Thetha nje ilizwi; sophiliswa isicaka sam.

9. Nam ndingumntu ophantsi kwegunya labanye, kwaye ndikwanamajoni aphantsi kwam: kweli ndithi: ‘Yiya,’ liye; kweliya ndithi: ‘Yiza,’ lize; kwisicaka sam ndithi: ‘Yenza oku,’ sikwenze.”

Umatewu 8