17. Ke wena, xa uzilayo, uzungayeki ukuthambisa intloko yakho nokuhlamba ubuso bakho.
18. Kothi ke ukuzila kwakho kungabonakali ebantwini, koko kubonakale kuYihlo ongabonwayo, aze yena uYihlo obona okwenzeka emfihlekweni akuvuze.”
19. “Ze ningaziqwebeli ubutyebi emhlabeni, apho konakalisa inundu nomhlwa, nalapho amasela aqhekezayo ebe.
20. Koko ziqwebeleni ubutyebi ezulwini, apho kungonakalisi nundu namhlwa, nalapho amasela angaqhekeziyo ebe.
21. Kaloku apho bukhoyo ubutyebi benu, yoba lapho nentliziyo yenu.”
22. “Isibane somzimba liliso. Xa iliso lakho lilungile, umzimba wakho uphela uya kukhanyiseleka.
23. Kodwa ukuba iliso lakho alilunganga, umzimba wakho uphela woba sebumnyameni. Ke, ukuba ukukhanya okukuwe kububumnyama, koba mnyama kangakanani!”
24. “Akukho mntu unokukhonza iinkosi ezimbini, kuba uya kuyithiya le, ayithande leya, okanye abambelele kule, ayidele leya. Aninako ukukhonza uThixo kwanobutyebi.
25. “Kungoko ndithi kuni, musani ukubuxhalela ubomi benu nisithi notya ntoni, nisele ntoni. Kwanomzimba wenu ze ningawuxhaleli, nisithi niya kunxiba ntoni. Ubomi abungaphezulu na kokutyiwayo; wona umzimba awungaphezulu na kokunxitywayo?
26. Khaniqwalasele iintaka. Azihlwayeli, azivuni, azigcini siseleni, kanti uYihlo osezulwini uyazondla. Ke, kungakanani na ukuxabiseka kwenu kunazo!
27. Nguwuphi na kuni onokuthi ngokuxhala abongeze nangemini enye le ubomi bakhe?
28. “Kananjalo yini na ukuba nixhalele into yokunxiba? Khaniqwalasele ukukhula kweenyibiba zasendle; azisebenzi, azithungi nokuthunga;
29. kanti ngenene, noSolomon kubo bonke ubunewu-newu bakhe, wayengavathiswanga nanjenganye yazo.
30. Ukuba ke uThixo wenjenje ukuyambesa ingca yasendle, ethi namhlanje ibekho, ze ngomso iphoswe eziko, akayi kugqithisa na ukunambathisa nina, bantundini balukholo luncinane?