Umatewu 6:10-23 Ibhayibhile (XHO96)

10. malongame ulawulo lwakho,makwenziwe ukuthanda kwakho, emhlabeni njengasezulwini.

11. Sibonelele kwiintswelo zethu zemihla ngemihla;

12. usixolele amatyala ethu,njengokuba nathi sibaxolela abasonayo;

13. ungasiyekeli ekulingweni,koko sihlangule kumtyholi;[kuba ngenene nguwe olawulayo,namandla ngawakho, nodumo, kude kube ngunaphakade! Amen.]’

14. “Kaloku xa nibaxolela abantu izigqitho zabo, uYihlo osezulwini wonixolela nani.

15. Xa ningabaxoleli abantu izigqitho zabo, noYihlo akayi kunixolela iziphoso zenu.”

16. “Xa nizila ukutya, ze ningabi njengabo bazenzisayo, abazifanisa nabahluphekileyo. Kaloku babenza bubi ubuso babo, ukuze babonwe ngabantu ukuba bazilile. Inene, sebewufumene umvuzo wabo.

17. Ke wena, xa uzilayo, uzungayeki ukuthambisa intloko yakho nokuhlamba ubuso bakho.

18. Kothi ke ukuzila kwakho kungabonakali ebantwini, koko kubonakale kuYihlo ongabonwayo, aze yena uYihlo obona okwenzeka emfihlekweni akuvuze.”

19. “Ze ningaziqwebeli ubutyebi emhlabeni, apho konakalisa inundu nomhlwa, nalapho amasela aqhekezayo ebe.

20. Koko ziqwebeleni ubutyebi ezulwini, apho kungonakalisi nundu namhlwa, nalapho amasela angaqhekeziyo ebe.

21. Kaloku apho bukhoyo ubutyebi benu, yoba lapho nentliziyo yenu.”

22. “Isibane somzimba liliso. Xa iliso lakho lilungile, umzimba wakho uphela uya kukhanyiseleka.

23. Kodwa ukuba iliso lakho alilunganga, umzimba wakho uphela woba sebumnyameni. Ke, ukuba ukukhanya okukuwe kububumnyama, koba mnyama kangakanani!”

Umatewu 6