Umatewu 5:36-45 Ibhayibhile (XHO96)

36. Uze ungayifungi nentloko yakho, ngokuba ungenako ukwenza nalunye unwele lube mhlophe okanye lube mnyama.

37. Uewe wenu makabe nguewe, nohayi abe nguhayi. Okugqithe koko kuvela kongendawo.”

38. “Nivile ukuba kwâthiwa: ‘Iliso maliphindezelwe ngeliso, nezinyo liphindezelwe ngezinyo.’

39. Ke mna ndithi kuni, musani ukuziphindezela kulowo unonayo. Othe wakuqhwaba kwisidlele sokunene, mguqulele nesinye.

40. Nalowo ufuna ukukusa enkundleni, akuhluthe isambatho sangaphantsi, myekele nesokwaleka.

41. Ukuba onegunya ukunyanzela ukuba uhambe ikhilomitha ibe nye, hamba neyesibini.

42. Mphe lowo ucelayo, nalowo ufuna ukuboleka kuwe ungambandezi.”

43. “Nivile ukuba kwathiwa: ‘Mthande umhlobo wakho, uluthiye utshaba lwakho.’

44. Ke mna ndithi kuni, zithandeni iintshaba zenu, nibathandazele abo banitshutshisayo,

45. ize nibe ngabantwana boYihlo osezulwini, yena ovelisa ilanga phezu kwabakhohlakeleyo nabalungileyo, anise nemvula phezu kwabalungisayo nabangalungisiyo.

Umatewu 5