Umatewu 5:18-27 Ibhayibhile (XHO96)

18. Inene, lingaphela izulu nehlabathi, kodwa akuyi kupheliswa nalinye iganyana nokuba lisuntswana emthethweni, kungathanga kwenzeka konke.

19. Ke ngoko othe wajika nokuba mnye kule mithetho mincinane, wakufundisa abantu oko, kothiwa ungoyena mncinane kwabalawulwa nguThixo. Kanti ke othe wawenza umthetho, wawufundisa, woba newonga kwabalawulwa nguThixo.

20. Inene, ukuba anithanga naba ngamalungisa kunabachazi-mthetho *nabaFarasi, soze nibe ngabalawulwa nguThixo.”

21. “Nivile ukuba kwathiwa kubantu bakudala: ‘Uze ungabulali;’ kusithiwa: ‘Othe wabulala usisisulu somgwebo.’

22. Ke mna ndithi kuni, wonke umntu osuka amqumbele uwabo usisisulu somgwebo. Nothi kuwabo: ‘Ntw' ingento,’ usisisulu sokugwetywa yinkundla ephakamileyo. Ke othi: ‘Siyathandini,’ usisisulu sesihogo somlilo.

23. Ke ngoko, ukuba usondeza esibingelelweni into oyinikela kuThixo, wathi ulapho wakhumbula ukuba uwenu unendawo ngakuwe,

24. wushiye apho umnikelo wakho phambi kweqonga lamadini, uhambe uye kuxolisana nowenu kuqala, uze emva koko uwusondeze umnikelo wakho.

25. “Visisana kamsinya nokumangalelayo, usesendleleni kunye naye, hleze ummangaleli wakho akunikele kumgwebi, aze umgwebi akunikele epoliseni, uze uphoswe entolongweni.

26. Inene, akusayi kuphuma apho de uhlawule neyona malana yokugqibela.”

27. “Nivile ukuba kwathiwa: ‘Uze ungakrexezi.’

Umatewu 5