Umatewu 5:1-7 Ibhayibhile (XHO96)

1. Akusibona isihlwele sabantu, uYesu wenyuka intaba; kwathi, akuhlala phantsi, beza kuye abafundi bakhe;

2. waza wabafundisa, esithi:

3. “Banoyolo abo bazilahlela kuThixo, kuba balawulwa nguThixo bona!

4. Banoyolo abo basezintsizini, kuba baya konwatyiswa nguThixo bona!

5. Banoyolo abo balulamileyo, kuba baya kwabelwa ihlabathi nguThixo bona!

6. Banoyolo abo balambela banxanelwe ubulungisa, kuba baya kwaneliswa nguThixo bona!

7. Banoyolo abo banenceba, kuba baya kwenzelwa inceba nguThixo bona!

Umatewu 5