Umatewu 5:1-5 Ibhayibhile (XHO96)

1. Akusibona isihlwele sabantu, uYesu wenyuka intaba; kwathi, akuhlala phantsi, beza kuye abafundi bakhe;

2. waza wabafundisa, esithi:

3. “Banoyolo abo bazilahlela kuThixo, kuba balawulwa nguThixo bona!

4. Banoyolo abo basezintsizini, kuba baya konwatyiswa nguThixo bona!

5. Banoyolo abo balulamileyo, kuba baya kwabelwa ihlabathi nguThixo bona!

Umatewu 5