1. Akusibona isihlwele sabantu, uYesu wenyuka intaba; kwathi, akuhlala phantsi, beza kuye abafundi bakhe;
2. waza wabafundisa, esithi:
3. “Banoyolo abo bazilahlela kuThixo, kuba balawulwa nguThixo bona!
4. Banoyolo abo basezintsizini, kuba baya konwatyiswa nguThixo bona!