Umatewu 5:1-4 Ibhayibhile (XHO96)

1. Akusibona isihlwele sabantu, uYesu wenyuka intaba; kwathi, akuhlala phantsi, beza kuye abafundi bakhe;

2. waza wabafundisa, esithi:

3. “Banoyolo abo bazilahlela kuThixo, kuba balawulwa nguThixo bona!

4. Banoyolo abo basezintsizini, kuba baya konwatyiswa nguThixo bona!

Umatewu 5