Umatewu 4:11-22 Ibhayibhile (XHO96)

11. Waza umtyholi wamyeka uYesu, zafika izithunywa zezulu zamlungiselela.

12. Ke uYesu akuva ukuba uYohane ubanjiwe, wahamba waya kwelaseGalili.

13. Wemka ke eNazarete, wafudukela eKapernahum ngaselwandle, emideni yakwaZebhulon neyakwaNafetali.

14. Kwazaliseka ke ngoko okwathethwayo *ngumshumayeli uIsaya esithi:

15. “Wena sithili sakwaZebhulon, nawe sithili sakwaNafetali,nina eningakwindlela yaselwandle, phesheya kweJordan,nina baseGalili yeentlanga,

16. bantu ababehleli ebumnyameni,niboné ukukhanya okukhulu;nina enanihleli ezweni nasethunzini lokufa,nivelelwe kukukhanya.”

17. Ukususela ngoko uYesu washumayela esithi: “Guqukani, kuba ulawulo lukaThixo lusemnyango.”

18. Kuthe uYesu ehamba ngakuLwandle lwaseGalili wabona abantu ababini, uSimon, lo kuthiwa nguPetros, noAndreya, umninawe wakhe, bephosa umnatha elwandle, kuba babengabalobi.

19. Wathi kubo: “Ndilandeleni; ndonenza abalobi babantu.”

20. Bayishiya kwangoko ke iminatha yabo, bamlandela.

21. Uthe ke, ehambele phambili esuka apho, wabona omnye umntu nomntakwabo, uYakobi unyana kaZebhedi, noYohane umninawe wakhe, besesikhitshaneni noZebhedi uyise, belungisa iminatha yabo; wababiza ke.

22. Basishiya kwangoko isikhitshana noyise, balandela uYesu.

Umatewu 4