1. Ke kaloku ngaloo mihla kwafika uYohane umbhaptizi eshumayela entlango yelakwaJuda,
2. esithi: “Guqukani, kuba ulawulo lukaThixo lusemnyango!”
3. Ngulo ke wayexela yena *umshumayeli uIsaya xa wayesithi:“Kuvakala ilizwi lodandulukayo entlango, lisithi:‘Yilungiseleleni indlela iNkosi,niyihlahlele umgaqo wayo.’ ”
4. UYohane lo wayesambatha ingubo yoboya benkamela, abhinqe ngethwathwa. Ukutya kwakhe kwakuziinkumbi nobusi.
5. Babephuma besiya kuye abantu baseJerusalem, nabakulo lonke elakwaJuda, nabommandla wonke waseJordan.
6. Babezixela izono zabo, aze ababhaptize emlanjeni iJordan.
7. Ke kaloku, akubona into eninzi *yabaFarasi *nabaSadusi besiza ekubhaptizeni kwakhe, uYohane wathi kubo: “Nzalandini yamarhamba, ngubani na onilumkisileyo ukuba niyibaleke ingqumbo ezayo?