10. Waza wathi kubo uYesu: “Sanukoyika. Yiyani kuxelela amawethu ukuba makaye eGalili, apho aya kundibona khona.”
11. Bakuba bemkile abo bafazi, gqi amajoni athile kulawo awayegade ingcwaba, angena esixekweni, axelela ababingeleli abaziintloko konke okwenzekileyo.
12. Ababingeleli abaziintloko bacebisana namadoda amakhulu, baza bathatha imali eninzi, bayinika amajoni lawo,
13. bathi: “Ze nithi abafundi bakhe beze ebusuku, bamba nilele.
14. Ukuba le nto ithe yavakala kwirhuluneli, thina soyithomalalisa, ningabi naxhala nina.”
15. Amajoni ayithatha loo mali, enza njengoko ayexelelwe. Eli bali ke lasasazwa kumaJuda kwada kwaba namhlanje.
16. Bahamba ke abafundi abalishumi elinanye, baya eGalili kuloo ntaba uYesu wayebayalele ngayo.
17. Bathi bakumbona, baqubuda kuye, kodwa abanye babethandabuza.
18. Wasondela uYesu, wathi kubo: “Anikwe mna onke amagunya ezulwini nasemhlabeni.
19. Ke ngoko hambani niye kuzenza abafundi zonke iintlanga, nibabhaptize egameni loYise, neloNyana, neloMoya oyiNgcwele;