52. namangcwaba avuleka, bathi nabantu abaninzi bakaThixo ababefile bavuka,
53. baza baphuma emangcwabeni emva kokuvuka kukaYesu ekufeni, bangena kuso isiXeko esiNgcwele, babonakala kubantu abaninzi.
54. Umphathi-butho wamajoni, namajoni awayegade uYesu kunye naye, bathi bakubona ukunyikima komhlaba nokunye okwenzekayo, boyika kakhulu, besithi: “Inene, lo mntu ebenguNyana kaThixo.”
55. Kwakukho nabafazi abaninzi, bekhangele bemgama. Bona babengabalandeli bakaYesu ukususela eGalili, bemlungiselela.
56. Kubo kwakukho uMariya waseMagadala, noMariya unina kaYakobi noYose, ekho kwanonina woonyana bakaZebhedi.
57. Kuthe ke lakutshona ilanga, kwafika umntu waseArimati owayesisityebi, ogama linguJosefu. Wayengumfundi kaYesu naye.
58. Yena waya kuPilato, wawucela umzimba kaYesu; waza uPilato wayalela ngokuthi makawunikwe.
59. Wawuthatha ke uJosefu umzimba kaYesu, wawusongela ngelinen ecocekileyo,
60. wawubeka kwelakhe ingcwaba awayesand' ukulixhola eliweni; waza waqengqa ilitye elikhulu, walivala ngalo ingcwaba, wemka.
61. Babelapho ngasengcwabeni ooMariya waseMagadala nomnye uMariya, behleli phantsi bebukele.
62. Ngengomso, ngemini elandela eyokulungiselela *iPasika, ababingeleli abaziintloko *nabaFarasi badibana noPilato,
63. bathi: “Nkosi, sikhumbule okokuba esahleli umlahlekisi lowa wathi: ‘Emva kweentsuku ezintathu ndiya kuvuka ekufeni.’
64. Ke ngoko yalela okokuba ingcwaba linqatyiswe de kube lusuku lwesithathu, hleze abafundi bakhe beze bambe, ze bathi ebantwini uvukile ekufeni, luze olu lahlekiso lokugqibela lube ngaphezulu kunolokuqala.”
65. Waza uPilato wathi kubo: “Ningáwafumana amajoni okugada. Yiyani, nilitywine ingcwaba kangangoko nazi ngako.”
66. Baya ke, balinqabisa ingcwaba ngokulitywina, laza lalindwa ngoomantshingilane.