50. UYesu ke wakhala kwakhona ngezwi elikhulu, wawunikela umphefumlo wakhe.
51. Lasuka ke lakrazuka kubini ikhuselo legumbi elingcwele *endlwini kaThixo ukususela phezulu kuye ezantsi; umhlaba wanyikima, namawa acandeka,
52. namangcwaba avuleka, bathi nabantu abaninzi bakaThixo ababefile bavuka,
53. baza baphuma emangcwabeni emva kokuvuka kukaYesu ekufeni, bangena kuso isiXeko esiNgcwele, babonakala kubantu abaninzi.
54. Umphathi-butho wamajoni, namajoni awayegade uYesu kunye naye, bathi bakubona ukunyikima komhlaba nokunye okwenzekayo, boyika kakhulu, besithi: “Inene, lo mntu ebenguNyana kaThixo.”
55. Kwakukho nabafazi abaninzi, bekhangele bemgama. Bona babengabalandeli bakaYesu ukususela eGalili, bemlungiselela.
56. Kubo kwakukho uMariya waseMagadala, noMariya unina kaYakobi noYose, ekho kwanonina woonyana bakaZebhedi.
57. Kuthe ke lakutshona ilanga, kwafika umntu waseArimati owayesisityebi, ogama linguJosefu. Wayengumfundi kaYesu naye.
58. Yena waya kuPilato, wawucela umzimba kaYesu; waza uPilato wayalela ngokuthi makawunikwe.